Nkosi Sikelel' iAfrika
Lord Bless Africa
Classic Xhosa Version
The first verse and chorus of this version are the original words composed by Sontonga in 1897. The remaining verses were added in 1927 by Samuel E Mqhayi.
Nkosi, sikelel' iAfrika; Lord, bless Africa
Malupakam'upondo lwayo; May her horn rise up;
Yiva imitandazo yetu Hear thou our prayers
Usisikelele. And bless us
Chorus
Yihla Moya, Yihla Moya, The Holy Spirit, the Holy Spirit
Yihla Moya Oyingcwele The Holy Spirit will come down.
Sikelela iNkosi zetu; Bless our chiefs;
Zimkumbule umDali wazo; May they remember their Creator,
Zimoyike zezimhlouele, Fear Him and revere Him,
Azisikelele. That he may bless them
Sikelel' amadol' esizwe,
Sikelela kwa nomlisela
Ulitwal'ilizwe ngomonde,
Uwusikilele.
Sikelel'amakosikazi;
Nawo onk'amanenekazi;
Pakamisa wonk'umtinjana
Uwusikilele.
Sikelela abafundisi
Bemvaba zonke zelilizwe;
Ubatwese ngoMoya Wako
Ubasikelele.
Sikelel'ulimo nemfuyo;
Gxota zonk'indlala nezifo;
Zalisa ilizwe ngempilo
Ulisikelele
Sikelel'amalinga etu
Awomanyana nokuzaka,
Awemfundo nemvisiswano
Uwasikelele.
Nkosi Sikelel' iAfrika;
Cima bonk' ubugwenxa bayo
Nezigqito, nezono zayo
Uyisikelele.